1 Kings 18:42 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waselenyuka u‐Ahabi ukuya ukudla nokusela; kodwa u‐Elija wenyukela engcopo ye‐Karamele, wazitoba pantsi ngasemhlabeni, wabeka ubuso bake pakati kwamadolo ake,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenyuka ke uAhabhi, waya kudla, waya kusela. Ke uEliya wenyuka waya encotsheni yeKarmele, waqondela emhlabeni, wabufaka ubuso bakhe phakathi kwamadolo akhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenyuka ke uAhabhi, waya kudla, wasela. Wenyuka uEliya, waya encotsheni yeKarmele; waqubuda, wabubeka ubuso bakhe phakathi kwamadolo akhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uAhabhi wahamba, watya wasela. Kambe ke yena uEliya wenyuka waya encotsheni yentaba iKarmele, waza wagobela emhlabeni, wafaka ubuso phakathi kwamadolo.