1 Kings 18:43 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati kwisicaka sake: Zunyuke, ukangele ngaselwandle. Senyuka ke, sakangela, sati: Akuko nto. Waza wati: Buya uye amaxesha abe sixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kwindodana yakwakhe, Khawunyuke, ukhangele ngeli cala laselwandle. Yenyuka, yakhangela, yathi, Akukho nto.Wathi, Buya uye, izihlandlo zibe sixhenxe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kwindodana yakwakhe, Khawunyuke, ukhangele elwandle; Yenyuka, yakhangela, yathi, Akukho nto. Wathi, Buyela umva, kasixhenxe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEliya wathumela ihlakani lakhe, wathi: “Khawuhambe ukhangele ngaselwandle ukuba awuboni nto na.” Laya ke lajonga, labuya lisithi: “Hayi, akubonakali nto.” Ke uEliya lo walithuma kwada kwasixhenxe, emana esithi: “Khawuphume ujonge.”