1 Kings 18:46 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Saye isandla sikayehova sibe sipezu kwo‐Elija, owabinqa isinqe sake, wabaleka pambi kwo‐Ahabi, kwada kwangenwa e‐Yezerele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Safika ke isandla sikaYehova kuEliya; wazibhinqisa, wagidima phambi koAhabhi, kwada kwaba sekungeneni eYizereli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sabakho ke isandla sikaYehova kuEliya; wabhinqa esinqeni sakhe waza wabaleka phambi kuka-Ahabhi de waya kufika kumnyango waseYizereli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEliya ke wafikelwa ngamandla kaNdikhoyo, waza wazibhinqa ngebhanti izambatho zakhe, wabaleka wamshiya uAhabhi ukuya kufika eYizereli.