1 Kings 18:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Ahabi ku‐Hobadiya: Hamba elizweni, uye kuyo yonke imitombo yamanzi, nakuyo yonke imilambo; kungati siya kufumana inca, ukuba silondoloze amahashe namaqwaṙaṙa ehleli, singanqamkeIwa zizilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uAhabhi kuObhadiya, Hamba uye ezweni, emithonjeni yonke yamanzi nasemilanjaneni yonke; mhlawumbi sofumana utyani, siphilise amahashe noondlebende, zingabuthisi zonke iinkomo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAhabhi kuObhadiya, Hamba uye emhlabeni, emithonjeni yonke yamanzi nasemilanjeni yonke; Mhlawumbi sofumana utyani bokugcina amahashe noondlebende, ukuze singalahlekelwa zizilwanyana zonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAhabhi ke wathi kuObhadiya: “Khawuhamba-hambe kuwo wonke lo mhlaba, ujonge ngasemithonjeni nasezintilini, hleze kuthi kanti sisengayizuza ingca, ukuze afumane ukutya amahashe neemeyile, abe nokuphila, nathi singade siyibulale imfuyo yethu.”