1 Kings 18:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku nxa u‐Hobadiya abesendleleni, bona ke, u‐Elija wahlangana naye; waza wamazi, wawa ebusweni bake, wati: Nguwe na le inkosi yam u‐Elija?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ke, esendleleni uObhadiya, wabonakala uEliya emkhawulela, wamazi, wawa ngobuso, wathi, Nguwe na lo, nkosi yam Eliya?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe uObhadiya esendleleni, wabona uEliya emkhawulela; wambona, wawa ngobuso, wathi, UnguEliya na, nkosi yam?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke esahamba uObhadiya, wadibana noEliya. UObhadiya wamnakana, waza wakhahlela, waguqa phantsi, wathi: “Ngaba ngenene nguwe na lowo, nkosi yam Eliya?”