1 Kings 18:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wati: Ndonile nganto nina, ukuba uya kunikela isicaka sako esandleni sika‐Ahabi, ukundibulala?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ndenze sono sini na, ukuba umnikele umkhonzi wakho esandleni sika-Ahabhi ukuba andibulale?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ndenze ntoni na, ukuba umnikele umkhonzi wakho esandleni sika-Ahabhi ukuba andibulale?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaba ndenze bugwenxa buni kodwa,” ubuzile uObhadiya, “le nto isicaka sakho usinikela esandleni sika-Ahabhi ukuze sibulawe?