1 Kings 19:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Bendinekwele kakulu ngenxa kayehova, utixo wemikosi; ngokuba usapo luka‐Sirayeli lushiyile ucebano lwako, izibingelo zako luzicitile, nabaprofite bako lubabulele ngeṙele; sendisele mna ndedwa, nobomi bam luyabufuna, ukuba lubususe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi yena, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndasala ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke wathi: “Ndandikhweletela kakhulu ngoYehova uTHIXO wemikhosi, ngenxa yokuba oonyana bakaSirayeli bewushiyile umnqophiso wakho, bazidiliza izibingelelo zakho baza bababulala abaprofeti bakho ngekrele; ndasala ndedwa; kwaye bafuna ukuthabatha ubomi bam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena wathi: “Ndenziwe likhwele ngenxa kaNdikhoyo uThixo uSomandla. Kaloku amaSirayeli awukhabile umnqophiso wakho; awadilizile namaqonga akho, nabashumayeli bakho ababulele ngekrele. Ngoku ke sendisele ndodwa; nam ngokwam ke afuna ukundibulala.”