1 Kings 19:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, akuva lona u‐Elija, wagqubutela ubuso bake ngengubo yake, wapuma, wema emnyango womqolomba. Kekaloku bona ke, kweza kuye ilizwi, elati: Wenza nto nina apa, Elija?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuva uEliya, wabugqubuthela ubuso bakhe ngengubo yakhe enkulu, waphuma wema esangweni lomqolomba; nanko kufika kuye ilizwi, lisithi, Uyintoni na apha, Eliya?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akukuva oko uEliya, wabugquma ubuso bakhe ngesambatho sakhe sangaphezulu, waphuma wema emnyango womqolomba nanko kufika kuye ilizwi, lisithi, Wenza ntoni na apho, Eliya?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyiva ke uEliya wazigquma ubuso ngomnweba wakhe, waphuma wema emnyango apho kuloo mqolomba. Kwavakala ilizwi lisithi: “Ukho ngani apha, Eliya?”