1 Kings 19:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Bendinekwele kakulu ngenxa kayehova, utixo wemikosi: ngokuba usapo luka‐Sirayeli lushiyile ucebano lwako, izibingelo zako luzicitile, nabaprofite bako lubabulele ngeṙele: sendisele mna ndedwa, nobomi bam luyabufuna, ukuba lubususe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndisele ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ndenziwe likhwele ngoYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bewushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, nezibingelelo zakho bazidiliza, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndasala ndedwa; kwaye bafuna ukuthabatha ubomi bam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena waphendula wathi: “Ndenziwe likhwele ngenxa kaNdikhoyo uThixo uSomandla. Kaloku amaSirayeli awukhabile umnqophiso wakho; awadilizile amaqonga akho; nabashumayeli bakho ababulele ngekrele. Ngoku ke sendisele ndodwa. Nam ngokwam ke afuna ukundibulala.”