1 Kings 19:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akubona oko, wesuka, wahambela ubomi bake, weza e‐Beresheba, eyeyakwa‐Juda, wasishiya isicaka sake kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabona, wesuka wabambela ukusindisa umphefumlo wakhe. Waya eBher-shebha, eyeyakwaYuda, wayishiya khona indodana yakwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe akubona oko, wesuka wasaba, esindisa umphefumlo wakhe, wafika eBher-shebha yakwaYuda, wamshiya khona umkhonzi wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuluva olo daba uEliya woyika, wabaleka, esindisa ubomi bakhe. Uthe akufika eBheshebha kwelakwaJuda, walishiya khona ihlakani lakhe.