1 Kings 19:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wahamba yena entlango ihambo yamini nye, weza wahlala ngapantsi kwomti weroteme; waza wazicelela ukuba makafe, wati: Kwanele; kaloku, Yehova! susa ubomi bam; ngokuba ndingalungile mna pezu kwobawo bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wahamba entlango uhambo lwemini enye, waya wahlala phantsi konwele, wazicelela ukuba afe, wathi, Kwanele ngoku, Yehova;wuthabathe umphefumlo wam, ngokuba ndingalungile ngaphezu koobawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wahamba entlango uhambo lwemini enye, wafika wahlala phantsi konwele; waye yena ecinga ukuba ubeya kufa; Wathi, Kwanele; ngoku, Yehova, wuthabathe umphefumlo wam; ngokuba andilungile kunobawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena wathatha uhambo lwemini enye, wangena entlango. Wathi ke akufumana umthi wonwele, wahlala phantsi kwawo, wathandazela ukuba afe. Wathi: “Kwanele ngoku, *Ndikhoyo! Buthathe ubomi bam; kuba andilunganga ukugqitha oobawo.”