1 Kings 19:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wakangela, kekaloku nasi ngasentlokweni yake isonkana sojiwe pezu kwamatye ashushu, negubu lamanzi: watya ke, wasela nokusela, wabuya walala pantsi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakhangela, nanko kukho ngasentlokweni yakhe iqebengwana elosiweyo lesonka, neselwa lamanzi. Wadla ke, wasela, wabuya walala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakhangela, nantso iqebengwana elosiweyo lesonka, neselwa lamanzi phezu kwentloko yakhe. Watya, wasela, waphinda walala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi khwaphululu walaqaza, waza wabona iqebengwana lesonka ebesojiwe ngamalahle ashushu, kunye nendebe yamanzi. Wathatha ke, watya wasela, waza waphinda walala.