1 Kings 19:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wavuka, wadla wasela nokusela, wahamba ngamandla okokutya, imini zamashumi mane nobusuku bamashumi mane, ukuya entabeni katixo, e‐Horebe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka ke, wadla wasela, wahamba ngamandla oku kudla iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, wada wafika entabeni kaThixo eHorebhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavuka, wadla, wasela, waza ngamandla oko kudla wahamba iimini ezingamashumi amane nobusuku obungamashumi amane ukuya kutsho eHorebhe, intaba yoThixo oyinyaniso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wavuka ke, watya wasela. Oko kutya ke kwamomeleza, waza wathatha uhambo lweentsuku ezimashumi mane nobusuku bazo, wada waya kufika eHorebhe, intaba kaThixo.