1 Kings 2:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Uyazi wena ukuba ubukumkani ububobam, nokuba bonke o‐Sirayeli bebebekile ubuso babo pezu kwam, ukuba ndibe ngukumkani; kodwa buguqukile ubukumkani, baba bobomzalwana wam; ngokuba bebubobake buvela kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Uyazi wena ukuba bebubobam ubukumkani, abe ebubhekise kum ubuso bawo onke amaSirayeli, ukuba ndibe ngukumkani. Bathi guququ ubukumkani, baba bobomninawa wam;ngokuba baba bobakhe, buphuma kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi: “Uyazi wena ukuba bebubobam ubukumkani, abe ebekhangele kum ukuba ndilawule onke amaSirayeli; kodwa ubukumkani baguquka baba bobomntakwethu, ngenxa yokuba baba bobakhe buvela kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqhuba uAdoniya wathi: “Njengoko usazi ulawulo yayilolwam, uSirayeli wonke ekhangele kum njengokumkani wakhe. Kodwa izinto zajika, ulawulo lwajika lwawela kumntakwethu uSolomon; nto leyo ke yamiselwa *nguNdikhoyo.