1 Kings 2:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza waya u‐Batesheba kukumkani u‐Solomone, ukuba atete kuye ngenxa ka‐Adonija. Wesuka ke ukumkani ukuya kumkaulela, watoba kuye; wandula wahlala eteroneni yake, wambekela unina wokumkani isihlalo; waya wahlala ngasekunene kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya ke uBhatshebha kukumkani uSolomon, ukuba athethe naye ngoAdoniya. Wesuka ukumkani waya kumkhawulela, waqubuda kuye, wahlala etroneni yakhe, wammisela itrone unina wokumkani, wahlala ke ngasekunene kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waya ke uBhatshebha kukumkani uSolomon, ukuba athethe naye ngoAdoniya. Waza ukumkani wammisa, waqubuda kuye, wahlala etroneni yakhe, wamisa isihlalo sikanina wokumkani; wahlala ngasekunene kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhashebha ke waya kukumkani uSolomon, esiya kuthethelela uAdoniya. Akumbona ke ukumkani, waphakama wamhlangabeza, wakhahlela, waza ke wachopha esihlalweni sakhe. Wathi makuziwe nesihlalo, ukuze ahlale kuso unina, waza ke wamhlalisa ngasekunene kwakhe.