1 Kings 2:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Ndiyacela kuwe isicelo sinye esincinane, ungasongi ubuso bam. Wati ukumkani kuye: Cela, ma̔! ngokuba ndingayi kusonga ubuso bako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ndicela nto-nye kuwe; uze ungandilanduleli. Wathi ke ukumkani kuye, Cela, ma, ngokuba andiyi kukulandulela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ndicela nto encinane kuwe; Nceda, ungandixeleli. Wathi uYehova kuye, Cela uma, kuba andiyi kukukhanyela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhashebha ke wathi: “Ndinesicelo esinye endifuna ukusenza kuwe; uze ungalanduli.” Ukumkani waphendula wathi: “Thetha, mama; andiyi kulandula.”