1 Kings 2:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapendula ukumkani u‐Solomone, wati kuye unina: Kunganina pofu ukuba umcelele u‐Adonija u‐Abishage um‐Shunemekazi? mcelele ubukumkani nabo; ngokuba engumkuluwe wam yena; ewe cel ela yena, no‐Abiyatare umperisite, no‐Jowabi unyana ka‐Tseruya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula ukumkani uSolomon, wathi kunina, Yini na ukuba uAdoniya umcelele uAbhishagi waseShunem? Sewumcelela nobukumkani, ngokuba ungumkhuluwa wam; ucelele yena, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi unyana kaTseruya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uKumkani uSolomon waphendula wathi kunina: “Bekutheni na ukuze ucele uAdoniya uAbhishage umShunem? bucele kuye ubukumkani; ngokuba engumzalwana wam omkhulu; yena noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi unyana kaTseruya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uSolomon uphendule unina wathi: “Ngani ukuba uAbhishagi umShunemikazi umfunele uAdoniya? Kungcono umcelele obu bukumkani buphela – andithi kaloku yena ngumkhuluwa – abe yena exhaswa ngumbingeleli uAbhiyatare noJowabhi unyana kaZeruya!”