1 Kings 2:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuye u‐Abiyatare umperisite wati ukumkani: Hamba uye e‐Hanatote, emasimini ako; ngokuba wena ufanelwe kukufa: kodwa ngelixesha andiyi kukufisa, ngokuba ubuyitwala ityeya yenkosi e nguyehova pambi kwo‐Davide ubawo, nangokuba ububandezelwa kuko konke wabebandezelwa ngako ubawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
NakuAbhiyatare umbingeleli wathi ukumkani, Hamba uye eAnatoti, emhlabeni wakho; ngokuba ungumfo wokufa; ke andiyi kukubulala ngale mini; ngokuba wayithwala ityeya yeNkosi uYehova phambi koDavide ubawo, nangokuba ubucinezelwe kuko konke abecinezelwe kuko ubawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi umbingeleli uAbhiyatare kukumkani, Hamba uye eAnatoti ezweni lakowenu; kuba ufanelwe kukufa, kodwa andiyi kukubulala ngeli xesha, ngenxa yokuba wayithwala ityeya kaYehova phambi kukaDavide ubawo, nangokucinezelwa kwakho kuyo yonk’ into awayecinezelwe ngayo ubawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani ke wathi kumbingeleli uAbhiyatare: “Wena ke phindela emasimini akho eAnatoti. Ufanelwe kukufa, kambe ke andiyi kukubulala kwangoku, kuba yayithwalwa nguwe ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo uThixo ngexesha likabawo uDavide, futhi wawuzithwele kunye nobawo iimbandezelo zakhe.”