1 Kings 2:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Solomone wamgxota u‐Abiyatare, ukuba angabi ngumperisite kuyehova; kuze kuzalisekiswe ilizwi likayehova, abelitetile pezu kwendlu ka‐Heli e‐Shilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USolomon wamgxotha uAbhiyatare ekubeni ngumbingeleli kaYehova; ukuze alizalise ilizwi likaYehova, awalithethayo ngendlu kaEli eShilo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko uSolomon wamndulula uAbhiyatare ngenxa yokuba wayengenguye umbingeleli kaYehova; ukuze alizalise ilizwi likaYehova, awalithethayo ngendlu kaEli Shilo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uSolomon wamkhiqa uAbhiyatare kububingeleli, ezalisekisa ilizwi awalithethayo uNdikhoyo eShilo malunga nendlu kaEli.