1 Kings 2:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zada zafika indaba ku‐Jowabi; ngokuba u‐Jowabi ebepambukele emva kwo‐Adonija, nangona abengapambukelanga emva kwo‐Abasalome. Wandula u‐Jowabi wesabela ententeni kayehova, wabambelela ezimpondweni zesibingelo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lwafika olu daba kuYowabhi; ngokuba uYowabhi wayethelele kuAdoniya, noko wayengathelelanga kuAbhisalom. UYowabhi wasabela ententeni kaYehova, wabambelela ezimpondweni zesibingelelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ezi ndaba zafika kuYowabhi, ngenxa yokuba uYowabhi wayemshiyile uAdoniya, nangona wayengamlandelanga uAbhisalom. Wasabela uYowabhi ententeni kaYehova, wabamba iimpondo zesibingelelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuziva ezi ndaba uJowabhi – kaloku naye wayekho kwiyelenqe lika-Adoniya, nangona wayengekho kwelika-Abhasalom – suka ke yena wabalekela *esibingelelweni sikaNdikhoyo, waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini.