1 Kings 2:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwashunyayelwa kukumkani u‐Solomone, okokuba u‐Jowabi wesabele ententeni kayehova, nokuba nankuya ngasesibingelweni. Wandula u‐Solomone watuma u‐Benaya unyana ka‐Yoyada, esiti: Hamba, uye umwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waxelelwa ukumkani uSolomon, ukuba uYowabhi usabele ententeni kaYehova; nanko ecaleni lesibingelelo. USolomon wathuma uBhenaya unyana kaYehoyada, wathi, Yiya umgwaze.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waxelelwa ukumkani uSolomon, ukuba uYowabhi usabele ententeni kaYehova; nanko ngasesibingelelweni. uSolomon wathuma uBhenaya, unyana kaYehoyada, wathi, Mbulale.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waxelelwa ke uSolomon ukuba nanko uJowabhi ebaleke waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini esibingelelweni sikaNdikhoyo. Wasuka wathuma uBhenaya unyana kaJoyada esithi: “Yiya umgwaze!”