1 Kings 2:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uwugcine umyalezelo kayehova, utixo wako, ukuhamba ezindleleni zake, ukugcina imimiso yake, n emiyalelo yake, nezigwebo zake, nezinqi̔nelo zake, njengokuba̔liweyo emtetweni ka‐Mosesi: ukuze ulungiseke kuko konke okwenzayo, nalapo usukuba usinga kona;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ugcine isigxina sikaYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, namasiko akhe, nezingqino zakhe, njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, ukuze ube nengqiqo ezintweni zonke othe wazenza, nasezintweni zonke othe wasinga kuzo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wugcine umthetho kaYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, uyigcine imiyalelo yakhe, nemithetho yakhe, namasiko akhe, nezilumkiso zakhe, njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, ukuze ube nempumelelo entweni yonke oyenzayo uyenza; naphi na apho uya khona;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ungaphazami ukuhamba ngokwesimiso *sikaNdikhoyo uThixo wakho. Hamba endleleni yakhe, uyithobele imimiselo nemithetho yakhe, nayo yonke imigaqo nemiqathango ayimisileyo, njengoko yabhalwayo emthethweni kaMosis. Xa usenjenjalo ke, uya kuba nenkqubela kuyo yonke into oyenzayo, uphumelele naphi na apho ukhoyo.