1 Kings 2:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka u‐Benaya weza ententeni kayehova, wati kuye: Utsho ukumkani ukuti: Puma. Wayesiti: Hai; koko ndiya kufa kwa lapa. Wabuya u‐Benaya wazisa impendulo kukumkani, esiti: Kungokunje watetayo u‐Jowabi, nangokunje wandipendula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya uBhenaya ententeni kaYehova, wathi kuye, Uthi ukumkani, Phuma. Wathi yena, Hayi; ndiya kufela apha. UBhenaya wambuyisela ukumkani ilizwi, esithi, Wenjenje ukuthetha uYowabhi, wenjenje ukundiphendula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waya uBhenaya ententeni kaYehova, wathi kuye, Uthe ukumkani, Phuma. Waphendula ke yena wathi, Hayi; kodwa ndiya kufela apha. Waphinda uBhenaya wamxelela ukumkani, wathi, Utshilo uYowabhi, wenjenje ukuthetha nam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhenaya ke waya esibingelelweni sikaNdikhoyo, wafika wathi kuJowabhi: “Ukumkani uthi: ‘Phuma apha!’ ” Kambe ke yena waphendula wathi: “Andiphumi; ndiya kufela apha.” UBhenaya ke waya kubika olo daba kukumkani, wathi: “UJowabhi uthetha ngolu hlobo; ewe, wenjenje ukuphendula.”