1 Kings 2:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova eya kubuyisa igazi lake pezu kweyake intloko, owawela amadoda amabini abemgqita ngobulungisa nangokulunga, wawabulala ngeṙele, ubawo u‐Davide engazi nje; kwa u‐Abenere unyana ka‐Nere, inkosi yomkosi wo‐Sirayeli, no‐Hamasa unyana ka‐Yetere, inkosi yomkosi wo‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wolibuyisela entlokweni yakhe igazi lakhe, owawela amadoda amabini angamalungisa, alungileyo kunaye, wawabulala ngekrele, engazi ubawo uDavide, angooAbhinere unyana kaNere, umthetheli-mkhosi wakwaSirayeli, noAmasa unyana kaYetere, umthetheli-mkhosi wakwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova uya kulibuyisela entlokweni yakhe igazi lakhe, abawa amadoda amabini angamalungisa, elungile kunaye, awabulala ngentshuntshe, engazi uyise kaDavide, onguAbhinere, unyana kaNere; umthetheli wemikhosi yakwaSirayeli, noAmasa unyana kaYetere, umthetheli womkhosi wakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku yena wahlasela amadoda amabini wawabulala engadibananga nobawo uDavide. Omabini loo madoda, uAbhinere unyana kaNere, injengele yomkhosi wakwaSirayeli, kunye noAmasa unyana kaYetere, injengele yomkhosi wakwaJuda, ewe, omabini la madoda ayengcono enyanisekile kunaye.