1 Kings 2:37 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba kuya kuti ngomhla wokupuma kwako, nxa uya kuwela umlanjana we‐Kidrone, woqinisa ukwazi ukuba uya kufa ngenyaniso; igazi lako loba pezu kweyako intloko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kothi, mini uthe waphuma, wawela umlanjana oyiKidron, wazi inene ukuba uya kufa; igazi lakho loba phezu kwentloko yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba mhla waphumayo, wawuwela umlanjana oyiKidron, uya kwazi ngokuqinisekileyo ukuba uya kufa, inene; igazi lakho liya kuba phezu kwentloko yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mhla waphuma wayiwela le ntili yeKedron, uze wazi ukuba ufile, kambe ke igazi lakho loba phezu kwentloko yakho.”