1 Kings 2:39 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ekupeleni kweminyaka mitatu, zaqwesha izicaka zibini zika‐Shimehi zaya ku‐Akishe unyana ka‐Mahaka, ukumkani we‐Gate. Kwaza kwaxelwa ku‐Shimehi, kusitwa: Naziya izicaka zako e‐Gate.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ekupheleni kweminyaka emithathu, kwazimela izicaka ezibini zikaShimehi, zaya kuAkishe unyana kaMahaka, ukumkani waseGati. Waxelelwa uShimehi, kwathiwa, Yabona, izicaka zakho ziseGati.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakuba kudlule iminyaka emithathu, babaleka abakhonzi ababini bakaShimehi, baya eAgis unyana kaMaga, ukumkani waseGati. Waxelelwa uShimehi, kwathiwa, Yabona, abakhonzi bakho baseGati;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku emva kweminyaka emithathu amakhoboka amabini kaShimeyi abalekela kuAkishe unyana kaMahaka ukumkani waseGati, waza ke uShimeyi waxelelwa kwathiwa: “Uyabona, amakhoboka akho aseGati.”