1 Kings 2:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze uyehova aliqinise ilizwi owalitetayo ngam, esiti: Ukuba onyana bako baya kulumkela indlela yabo, ukuhamba ebusweni bam ngenyaniso, ngayo yonke intliziyo yabo, nangawo wonke umpefumlo wabo, akuyi kukunqamkela indoda (wabesitsho) pezu kweterone yakwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze alimise uYehova ilizwi lakhe awalithethayo ngam, esithi, Ukuba bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, ukuba bahambe phambi kwam enyanisweni ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, (esithi) akuyi kunqunyukelwa ndoda etroneni yakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze uYehova aligcine ilizwi lakhe awalithethayo ngam, xa wathi: “Ukuba oonyana bakho banikela ingqalelo kwindlela yabo, baze bahambe enyanisweni ngentliziyo yabo yonke nangomphefumlo wabo uphela, utsho ukuthi: etroneni yakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uNdikhoyo wosifezekisa isithembiso sakhe kum. Kaloku yena wathi: ‘Ukuba izizukulwana zakho zithe zaziphatha ngendlela efanelekileyo, zanyaniseka, zathembeka kum ngentliziyo yonke nangomphefumlo wonke, ngenene soze ingabikho indoda yendlu yakho kwisihlalo solawulo lwakwaSirayeli.’