1 Kings 2:40 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wesuka u‐Shimehi, wabopa iqwaṙashe lake, wahambela e‐Gate ku‐Akishe ukufuna izicaka zake; wahamba ke u‐Shimehi, wabuyisa izicaka zake e‐Gate.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uShimehi, wabopha iesile lakhe, waya eGati kuAkishe, efuna izicaka zakhe ezo; uShimehi waya eGati, weza nazo izicaka zakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wesuka uShimehi, wayibopha iesile lakhe, waya eGati eAgishe, esiya kufuna abakhonzi bakhe; wahamba uShimehi, wabathabatha abakhonzi bakhe eGati.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyiva ke le nto, wabopha idonki yakhe, waya kuAkishe eGati, efuna loo makhoboka. Ke uShimeyi wawafumana apho eGati amakhoboka lawo, wabuya nawo.