1 Kings 2:42 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watuma ukumkani wambiza u‐Shimehi, wati kuye: Andikufungisanga uyehova na, ndanqi̔nisa kuwe, ndisiti: Ngomhla wokupuma kwako, nxa uya kuhamba nalapa napaya, qinisa ukwazi ukuba uya kufa ngenyaniso? waza wati kum: Lilungile ilizwi endilivileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathumela ke ukumkani, wambiza uShimehi, wathi kuye, Bendingakufungise uYehova yini na, ndakuqononondisa, ndisithi, Mini uthe waphuma waya phi naphi, yazi inene ukuba uya kufa?Wathi ke wena kum, Lilungile elo lizwi, ndilivile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani wathumela kuShimehi, wathi kuye, Mna andikufungisanga uYehova; ndakugweba mna, ndathi, Mhla waphuma waya ezindaweni zonke, uya kufa na? Wathi ke wena kum, Ilizwi endilivileyo lilungile;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani ke wambiza uShimeyi, wathi kuye: “Kanene ndandingakufungisanga uNdikhoyo na ndikulumkisa ndisithi: ‘Mhla waphuma usiya naphi na ngaphandle, uze wazi ukuba ufile’? Ndathi ndakutsho kuwe wena waphendula usithi: ‘Uthethe kakuhle mhlekazi; ndiya kukuthobela.’