1 Kings 2:44 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela wati ukumkani ku‐Shimehi: Uyazi wena yonke inkohlakalo, leyo iyaziyo intliziyo yako, obuyenza ku‐Davide ubawo; ngako uyehova uya kubuyisa inkohlakalo yako pezu kweyako intloko;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani kuShimehi, Uyabazi wena bonke ububi obaziwa yintliziyo yakho, owabenzayo kuDavide ubawo; uya bubuyisela uYehova ububi bakho kwasentlokweni yakho;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani kuShimehi, Uyabazi wena bonke ububi obaziwa yintliziyo yakho, owabenzayo kuDavide ubawo; uYehova uya kubuhlisela ububi bakho entlokweni yakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqhuba ukumkani wathi kuShimeyi: “Uyazazi kakuhle entliziyweni yakho zonke izinto ezimbi owazenzayo kubawo uDavide. Ngoku uNdikhoyo uza kukubuyekeza ngobugwenxa bakho.