1 Kings 2:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako wena uyakwazi oko wakwenzayo kum u‐Jowabi unyana ka‐Tseruya, oko wakwenzayo kwinkosi ezimbini zemikosi yo‐Sirayeli, ku‐Abenere unyana ka‐Nere, naku‐Hamasa unyana ka‐Yetere, owababulalayo, wapalaza igazi lemfazwe ekuxoleni, wabeka igazi lemfazwe pezu kwombinqo wake obusesinqeni sake, napezu kwezihlangu zake ebezisezinyaweni zake:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo wena uya kwazi awakwenzayo kum uYowabhi unyana kaTseruya, awakwenzayo kubathetheli ababini bemikhosi yakwaSirayeli, kuAbhinere unyana kaNere, nakuAmasa unyana kaYetere, awababulalayo, waphalaza amagazi emfazwe, lixolile, wabeka amagazi emfazwe embhinqweni wakhe obusesinqeni sakhe, nasezimbadadeni zakhe ezisezinyaweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo uyakwazi awakwenzayo kum uYowabhi unyana kaTseruya, awakwenzayo kubathetheli bobabini bemikhosi yakwaSirayeli, uAbhinere unyana kaNere, noAmasa unyana kaYetere, umthetheli womkhosi wamaSirayeli ukumkani wakwaSirayeli walixhela enoxolo igazi lemfazwe, walikhulula igazi lemfazwe embhinqo wakhe, nasesinqeni sakhe, nasezimbadada ezinyaweni zakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoku ke, mfo wam, uyayazi into awandenza yona uJowabhi unyana kaZeruya, nditsho into awayenzayo kwiinjengele ezimbini zomkhosi kaSirayeli, uAbhinere unyana kaNere noAmasa unyana kaYetere. Kaloku wababulala, waliphalaza igazi labo ngexesha loxolo, kwanga kusemfazweni, wayidyobha ngalo ibhanti eyayisesinqeni sakhe neembadada ezazisezinyaweni zakhe.