1 Kings 2:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa onyana baka‐Barezilai um‐Gileyadi, benzele bona ububele; mababe pakati kwabo abadlayo etafileni yako: ngokuba kwa ngokunjalo bebesondela kum, ndakusaba ebusweni buka‐Abasalome umzalwana wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke koonyana bakaBharzilayi waseGiliyadi, uze wenze ngenceba, babe kwabadla etafileni yakho; ngokuba benjenjalo ukuza kum ekusabeni kwam ebusweni buka-Abhisalom, umkhuluwa wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke koonyana bakaBharzilayi waseGiliyadi, uze ube nenceba kubo, babe phakathi kwabadla etafileni yakho; kuba beze ngale ndlela kum xa ndandibaleka ngenxa ka-Abhisalom umntakwenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kodwa ke uze wenze ngezibele koonyana bakaBhazilayi waseGiliyadi. Bona mababe phakathi kwâbo batya kunye nawe esithebeni sakho. Kaloku babengakum ngokuya ndandibaleka umntakwenu uAbhasalom.