1 Kings 2:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo, bona ke, kuko nawe u‐Shimehi unyana ka‐Gera, um‐Benjamine wase‐Bahurime, owandiqalekisayo ngesiqalekiso esinzima, emhleni ndabendisiya e‐Mahanayime: kodwa wehla ukuza kundikaulela e‐Yoredane, ndaza ndamfungela uyehova, ndisiti: Andiyi kukufisa ngeṙele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyabona, unawe uShimehi unyana kaGera, umBhenjamin, waseBhahurim; yena wanditshabhisa ngotshabhiso olukhulu, mini ndaya eMahanayim. Yena ke wehla weza kundikhawulela eYordan, ndamfungela uYehova, ndathi, Andiyi kukubulala ngekrele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyabona, unaye uShimehi unyana kaGera, umBhenjamin, waseBhahurim, yena wanditshabhisa ngotshabhiso olukrakra, ekuyeni kwam eMahanayim; ke yena wehla weza kundikhawulela eYordan, ndamfungela uYehova, ndathi, Andiyi kukubulala ngekrele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze ungamlibali uShimeyi unyana kaGera, umBhenjamin waseBhawurim, lowa wandishwabulela endiqalekisa kabuhlungu mhla ndandisiya eMahanayim. Wathi akuhla endihlangabeza eJordan, ndafunga uNdikhoyo ndathi andisayi kumbulala ngekrele.