1 Kings 20:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayetuma u‐Bene‐hadadi kuye, wati: Mabenje njalo kum otixo, balekele ukwenje njalo, ukuba utuli lwase‐Samariya luya kwanela bonke abantu abasezinyaweni zam babe nezandla zizele lulo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathumela uBhen-hadade kuye, wathi, Mabenjenje oothixo kum, baqokele ukwenjenje, ukuba luthe uthuli lwakwaSamari lwalingana ukuzalisa izandla zabantu bonke abandilandelayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathumela uBhen-hadade kuye, wathi, Oothixo bandenzile, banda ngokunjalo, ukuba luthe uthuli lwakwaSamari lwazala izandla zabantu bonke abandilandelayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uphindile ke uBhenadadi wathumela olunye udaba kwalapho kuAhabhi, esithi: “Mabandohlwaye oothixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba ngaba eSamariya apho kuthe kwashiyeka uthuli olwaneleyo ukuze ijoni lam ngalinye libe nokulufumbatha ngesandla.”