1 Kings 20:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, akuva ilizwi eli, nxa abesela, yena nokumkani abo, ezintenteni, wandul’ ukuti kwizicaka zake: Lungani! Zaza zalunga ngakuso isixeko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuliva elo zwi uBhen-hadade, akubon ukuba uyasela, yena nokumkani abo eminqubeni, wathi kubakhonzi bakhe, Yakhani uluhlu. Balwakha ke uluhlu kuloo mzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waliva uBhen-hadade elo lizwi, esasela, yena nookumkani abo ngasezintenteni, wathi kubakhonzi bakhe, Lungisani. Bawuhlasela umzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Olu daba lwamfikela uBhenadadi xa kanye yena nezo zikumkani babesela ezintenteni zabo. Ngoko nangoko wayalela umkhosi wakhe, wathi: “Kuf' ayayo, mawethu!” Baxhoba ke ukuze basihlasele isixeko eso.