1 Kings 20:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bona ke, umprofite otile wasondela ku‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, wati: Utsho uyehova ukuti: Ubonile na sonke esisihlwele sikulu? bona ke, ndiya kusinikela esandleni sako namhla; wauya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwabonakala mprofeti uthile, wafika kuAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Uyibonile na yonke le ngxokolo ingakanana? Yabona ndiyinikele esandleni sakho namhla; wazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwabonakala mprofeti uthile, wafika kuAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, wathi, uYehova uthi, Uyibonile na le ngxokolo ingaka? yabonani, ndiyawunikela esandleni senu namhla; nazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ukumkani uAhabhi wakwaSirayeli wafikelwa *ngumshumayeli, wathi: “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Uyayibona le nyambalala yomkhosi? Ewe, kanye namhlanje ndiza kuwunikela esandleni sakho, ukuze uqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo.’ ”