1 Kings 20:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Ahabi: Ngobanina? Wayesiti: Utsho uyehova ukuti: Ngabafana benkosi zamazwana. Waza wati: Ngubanina oya kuqala ukulwa? Wayesiti: Nguwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uAhabhi, Ngabani na? Wathi yena, Utsho uYehova ukuthi, Ngamadodana abathetheli bamazwe. Wathi, Ngubani na oya kuqala ukulwa? Wathi, Nguwe lo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAhabhi, Ngabani na? Wathi uYehova, Ngamadodana abathetheli bamazwe. Wathi, Ngubani na oya kumisela imfazwe? Waphendula ke yena wathi, Wena!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uAhabhi wathi: “Ngubani kodwa oya kuyenza loo nto?” Umshumayeli ke lowo wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Abafana bamabutho aphantsi kweenjengele zamaphondo ngabo abaza kuyenza le nto.’ ” UAhabhi wathi: “Ngubani oya kuqala ahlasele?” Umshumayeli lowo waphendula esithi: “Nguwe!”