1 Kings 20:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaza izicaka zokumkani we‐Siriya zati kuye: Ngotixo bentaba otixo babo; kungoko bebenamandla pezu kwetu; kodwa ukuba silwa nabo etafeni, ngenyaniso siya kuba namandla pezu kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku abakhonzi bokumkani bakwa-Aram bathi kuye, Ngoothixo basezintabeni oothixo babo, kuko le nto bomeleleyo kunathi; masilwe nabo ke emathafeni, ukuba asisayi komelela na kunabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi kuye abakhonzi bokumkani bakwa-Aram, Ngoothixo basezintabeni oothixo babo; ke ngoko bomelele kunathi; kodwa mabalwe entlango, yaye ngokuqinisekileyo siya kuboyisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke amaphakathi okumkani wama-Aram wona amcebisa athi: “Kaloku oothixo bamaSirayeli ngoothixo abahlala ezintabeni; yiyo le nto esongamele kangaka nje! Ukuba sinokulwa nawo emathafeni akuthandabuzeki ukuba singawoyisa.