1 Kings 20:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uti kanjalo uzibalele impi enjengempi ekulahlekileyo, namahashe njengamahashe ayo, nenqwelwana njengenqwelwana zayo, sasiya kulwa nabo etafeni; ngenyaniso siya kuba namandla pezu kwabo. Waza wapulapula elizwini lazo, wenje njalo ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uzibalele impi engangempi le iwileyo kuwe, amahashe abe ngangaloo mahashe, iinqwelo zokulwa zibe ngangezo nqwelo zokulwa, silwe nabo ke emathafeni, ukuba asisayi komelela na kunabo. Waliphulaphula izwi labo, wenjenjalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zibale iintendelezo njengeentendelezo zakho, amahashe abe ngangaloo mahashe, inqwelo ngenqwelo; kwaye siya kulwa nabo entlango, kwaye ngokuqinisekileyo siya kubadlula ngamandla. Waliphulaphula ilizwi labo, wenjenjalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Gaya umkhosi olingana nalowa besinawo, kube njalo emahashini nasezinqwelweni, ukuze sibe nako ukulwa namaSirayeli emathafeni. Xa siyenzile ke loo nto siya kuwongamela.” Ukumkani walamkela elo cebo, waza ke wenza njengoko.