1 Kings 20:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwabalwa usapo luka‐Sirayeli nalo, lwamkeliswa umpako, lwaya ngakuwo: lwaza usapo luka‐Sirayeli lwati waca pambi kwawo, njengemihlambi mibini emincinane yebokwe; kanti ama‐Siriya alizalisa ilizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babalwa oonyana bakaSirayeli, baxhotyiswa baya kubahlangabeza. Bamisa oonyana bakaSirayeli phambi kwabo, benjengemihlanjana emibini yeebhokhwe; ama-Aram alizalisa ilizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babalwa oonyana bakaSirayeli, baba khona bonke, babalwa; ke ama-Aram alizalisa ilizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athe akuba eqokelelene amaSirayeli, axhoba, anikwa nomphako, aphuma ahlangabeza. Ke amaSirayeli emisa malunga nama-Aram ethe xakalala kuloo ntili, benjengemihlanjana emibini yeebhokhwe.