1 Kings 20:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandula kwasondela indoda katixo, yateta kukumkani wo‐Sirayeli, yati: Utsho uyehova ukuti: Ngokokuba ama‐Siriya ete: Uyehova ungutixo wentaba, kodwa aka ngutixo wemihlambo; ngako ndiya kunikela sonke esisihlwele sikulu esandleni sako, naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafika umfo wakwaThixo, wathi kukumkani wamaSirayeli, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ethe ama-Aram, Nguthixo wasezintabeni uYehova, akanguthixo wasezintilini, ndiya kuyinikela esandleni sakho yonke le ngxokolo ingaka, nazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza umfo wakwaThixo, wathetha kukumkani wakwaSirayeli, wathi, Kutsho uYehova ukuthi, Ekubeni ethe ama-Aram, NguThixo weentaba uYehova, kodwa akanguThixo weembombo; yonke le ngxokolo ingaka yoyinikela esandleni senu; nazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umfo wakwaThixo ke weza kukumkani wakwaSirayeli, wathi kuye: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngenxa yokuba ama-Aram la esithi uNdikhoyo nguThixo weentaba, asiThixo wazo iintili, ngoko ke loo nyambalala yomkhosi wawo ndiza kuyinikela ezandleni zakho, ukuze uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.’ ”