1 Kings 20:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ati aseleyo esabela e‐Afeki, esixekweni; kwaza kwawa udonga pezu kwamawaka angamashumi mabini anesixe̔nxe amadoda aseleyo. Wesaba u‐Bene‐hadadi naye, wangena esixekweni, enkambilini yapakati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aseleyo asabela eAfeki, ela phakathi komzi. Kwawa udonga phezu kwamawaka angamashumi amabini anamawaka asixhenxe amadoda aseleyo. Wasaba uBhen-hadade, wangena kuloo mzi, wathungela amagumbi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inxenye yasabela eAfeki umzi; lwawa udonga phezu kwamashumi amabini anesixhenxe amawaka amadoda aseleyo. Wasaba uBhen-hadade, wangena engontsini engaphakathi yomzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athi ke aseleyo abalekela kwisixeko iAfeki. Khona apho ke adilikelwa ludonga lwesixeko. Ayengamadoda angamashumi amabini anesixhenxe amawaka. Naye uBhenadadi wabalekela esixekweni, wazimela kwigumbi elingaphakathi.