1 Kings 20:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku amadoda lawo agqala lomazwi, anxama ukuwaqinisa, ukuba avela kuye na, ati: Umzalwana wako u‐Bene‐hadadi. Waza wati: Yiyani, mziseni. Wandula u‐Bene‐hadadi wapumela kuye; waza wamkwelisa enqwelwaneni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Loo madoda ke athi lithamsanqa, angxamisa ukumrhwebesha, ukuba elo lelakhe na, athi, Ngumzalwana wakho uBhen-hadade.Wathi yena, Yiyani kumthabatha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Loo madoda ayelumke ukuze abone ukuba kuya kuphuma nto na kuye, akhawuleza ukuyibamba; Bathi, Bhen-hadade, mzalwana. Wathi, Yiyani, nimthabathe. Waphuma uBhen-hadade, waya kuye; kwaye makangene emotweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo madoda ke aphawula ukuba loo mpendulo ibonakalisa ubuhlobo, aza akhawuleza athi: “Ewe, umntakwenu uBhenadadi!” Ukumkani ke wathi: “Hambani nize naye!” Weza ke uBhenadadi, waza uAhabhi wamkhwelisa enqwelweni yakhe.