1 Kings 20:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Bene‐hadadi kuye: Izixeko, ezo ubawo wam wazisusa kuyihlo wako, ndozibuyisa, wauya kuzenzela izitarate e‐Damakusi, njengokuba ubawo wenje njalo e‐Samariya. Nam, watsho u‐Ahabi, ndiya kukundulula ngocebano olo. Waza walwenza ucebano naye, wamndulula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma uBhen-hadade weza kuye; wamkhwelisa enqwelweni.Wathi uBhen-hadade, kuye, Imizi awayithabathayo ubawo kuyihlo ndiya kuyibuyisa; uzenzele izitrato eDamasko, njengoko wazenzayo ubawo kwaSamari. Wathi uAhabhi, Ndiya kukundulula nalo mnqophiso. Wamenzela ke umnqophiso, wamndulula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uBhen-hadade kuye, Ndiya kuyibuyisa imizi awayithabathayo ubawo kuyihlo; Uya kuzenzela izitrato eDamasko, njengoko wazenzelayo ubawo kwaSamari. Wathi uAhabhi, Ndiya kukundulula nalo mnqophiso. Wenza isivumelwano naye waza wambuyisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhenadadi wathi: “Ndiza kuzibuyisa izixeko ezathathwa ngubawo kuyihlo. Ngaphezu koko ungazenzela izitalato zokuthengisela phaya eDamasko nanjengokuba wazenzayo ubawo eSamariya.” UAhabhi wathi kuye: “Ndiza kukukhulula phantsi komqathango womnqophiso.” Ngoko ke benza isivumelwano, waza ke wamkhulula.