1 Kings 20:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yati kuyo: Ngenxa yokuba ungapulapulanga ilizwi likayehova, bona ke, nxa umkile kum, ingonyama yokubulala. Yati yakuba imkile kuyo, ingonyama yafumanana nayo, yayibulala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi kuye, Ngenxa yokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova, uyabona, ekumkeni kwakho kum uya kubulawa yingonyama. Wemka kuyo; yamfumana ingonyama, yambulala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi kuye, Ekubeni ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova, yabona, ukuba uthe wemka kum, ingonyama iya kukubulala. Uthe ke akumshiya, wafunyanwa yingonyama, yambulala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umshumayeli lowo ke wathi: “Njengokuba ke ungamthobelanga nje uNdikhoyo, sakwahlukana uya kuhlaselwa yingonyama ikubulale.” Ngenene ke bakuba bahlukene kwathi gqi ingonyama, yambulala loo mfo.