1 Kings 20:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, akudlula ukumkani, wandula wakala kukumkani wati: Isicaka sako sapumela pakati kwokulwa; kekaloku bona ke, indoda yapambuka, yayizisa kum enye indoda, yati: Gcina indoda le; ukuba ika ibe ingabiko, buya kwandula ubomi bako bube sesikundleni sobomi bayo, umhlaumbi uya kuku̔pa italente yesilivere.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akubona ukuba uyadlula ukumkani, wamemeza kukumkani, wathi, Umkhonzi wakho lo waphuma waya emfazweni phakathi; nanko kutyeka indoda, yeza nomntu kum, yathi, Gcina lo mntu; ukuba uthe akabakho, umphefumlo wakho woba sesikhundleni somphefumlo wakhe, okanye wohlawula ngetalente yesilivere.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wadlula ukumkani, wambiza ukumkani, wathi, Umkhonzi wakho lo uvela edabini; nanko kuphenduka enye indoda, yezisa indoda kum, yathi, Gcina le ndoda;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe xa adlulayo ke ukumkani, umshumayeli lowo wamemeza wathi: “Mhlekazi, ndithe ndiphakathi emsini kwelaa dabi, suka ijoni elithile lezisa umthinjwa kum, lathi: ‘Yalusa lo mntu. Ukuba ukhe waphuncula wemka, uya kuhlawula ngobomi bakho, kungenjalo ke ibe ngumdliwo wamawaka amathathu eesiliva.’