1 Kings 20:40 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, nxa isicaka sako sibe sisebenza apa napaya, kekaloku ibingeko. Waye ukumkani wo‐Sirayeli esiti kuye: Kwoba njalo ukugwetywa kwako; wabile ngokwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuba esebenza umkhonzi wakho lo apha naphaya, wesuka wathi shwaka. Wathi ke ukumkani wakwaSirayeli kuye, Sinjalo isigwebo sakho; umise wagqiba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi akuxakeka ngumkhonzi wakho lo, wemka. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuye, Umgwebo wakho woba wenjenje; Wenze isigqibo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ndisuke ndasisinxada-nxada, ndisenza le naleya: tyhini phi! Walahleka umntu!” Ukumkani wakwaSirayeli waphendula wathi: “Eso ke sisigwebo sakho, uzigwebe ngomlomo wakho.”