1 Kings 20:42 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kuye: Utsho uyehova ukuti: Ngokokuba uyindulule indoda endayilahlela ekutshatyalalisweni esandleni sako, ngako ubomi bako boba sesikundleni sobomi bayo, nabantu bako boba sesikundleni sabantu bayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yokundulula kwakho esandleni indoda endayisingela phantsi, umphefumlo wakho uya kuba sesikhundleni somphefumlo wayo, nabantu bakho babe sesikhundleni sabantu bayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye: “Utsho uYehova ukuthi, Ekubeni uye wakhulula indoda esandleni sakho endayiwisela umthetho wokuba ayitshabalalise, umphefumlo wakho uya kuba sesikhundleni somphefumlo wayo, nabantu bakho esikhundleni sabantu bayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabhekisa kukumkani ke wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Wena ukhulule umfo ebendimmisele ukuba atshabalale. Ngoko ke umsindisile nje ke yena, akusayi kusinda wena, ngokunjalo nabantu bakho.’ ”