1 Kings 20:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndoti noko malunga nelixesha langomso nditume izicaka zam kuwe, ukuba zipande indlu yako, nezindlu zezicaka zako: kwakuya kuti, konke okunqwenelekileyo emehlweni ako zokubeka ezandleni zazo, zikususe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba ndithe, mayela neli xa ngomso, ndabathumela kuwe abakhonzi bam, bayigquthagqutha indlu yakho, nezindlu zabakhonzi bakho: bothi, konke okuthandekayo emehlweni akho bakuthabathe ngesandla sabo, bemke nako.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ngomso eli xa ndiya kuthumela abakhonzi bam kuwe, kwaye baya kuyihlola indlu yakho nezindlu zabakhonzi bakho; kwaye nantoni na ekholekileyo emehlweni akho baya kuyinikela esandleni sabo, bayithabathe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ngomso malunga neli xesha ndothumela amagosa am aligqogqe ibhotwe lakho kunye nezindlu zamaphakathi akho. Aya kubutha yonke into oyixabisileyo, emke nayo.’ ”