1 Kings 20:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani wo‐Sirayeli wabiza bonke abadala belizwe, wati: Gqalani ke, nibone ukuba lo uyafuna ububi; ngokuba ebetuma kum, etum ela abafazi bam, nabantwana bam, nesilivere yam, negolide yam, ndaye ndingamalanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wakwaSirayeli wabiza onke amadoda amakhulu elizwe, wathi, Qondani ke nibone, ukuba lo ungxamele ububi; ngokuba ubethumele kum, ebiza abafazi bam, nabantwana bam, nesilivere yam, negolide yam; andamangala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke ukumkani wakwaSirayeli wabiza onke amadoda amakhulu elizwe waza wathi: “Lumkani nize nibone indlela le ndoda ifuna ngayo ububi, ekubeni ithumele kum ibiza abafazi bam nabantwana bam nesilivere yam negolide yam; nam andamkhanyela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukumkani wakwaSirayeli wawabiza onke amadoda amakhulu elizwe lakhe, wathi: “Niyambona lo mfo; uzingelana nenkathazo! Ngokuya ebethumele efuna isiliva negolide, abafazi nabantwana bam, khange ndale.”